September 23, 2026
isixhosa

Rio de Janeiro

Umongameli welizwe lase China obekekileyo  uXi Jinping umemelele iziphakamiso nenxaso ejongene nophuhliso lwehlabathi jikelele. Umongameli uXi Jinping ubethetha kwindibano yakutshanje yamazwe eG20.

Kwintetho yakhe ungxininise ekubeni ilizwe lakhe lizimisele kakhulu ekukhuthazeni ihlabathi elisekezelwe kulingano, intsebenziswano, uphuhliso kunye noxolo.

Advertisement

The Diamond & Dorings Kimberley Big Hole Marathon is back for 2026!

Get ready to experience one of South Africa’s most iconic races once again as

you run through the historic city of Kimberley and become part of an

unforgettable marathon tradition once again.

Diairise the 24th and 25th of October 2026!

We’re going bigger and better this year

Umongameli uXi Jinping usebenzise elithuba ebulela urhulumente wase Brazil ngokuthatha amanyathelo aqatha ukulwa indlala nokuhlupheka xeshikweni elilizwe belixhuzula imikhala longamele intlanganiso yeG20, nangokuxhasa umbutho wehlabathi wokulwa nendlala nokuhlupheka obizwa ngokuba yi Global Alliance Against Hunger and Poverty.

“Sisonke sizimisele ukwakha ihlabathi eline njongo yophuhliso kunye nentlalontle,” waleke ngelitshoyo Umongameli uXi Jinping.

Ukwathe, ukufezekisa konke oku kufuneka Iinkokheli, zizimisele kuphuhliso, utyalo mali, intsebeziswano nokuxhasa amaphulo ajongene nokukhulisa uqoqosho.

uXi uthe ilizwe lase China lizimisele ukuqinisekisa ukuba iziko elaziwa ngokuba yiGlobal South Research Centre neliphantsi kolwakhiwo luyaphumelela kwaye lisebenza kakuhle.

Ukwathe isixa esingama US$20 billion sibekwe bucala kwaye siyakusetyenziswa ngendlela efanelekileyo ukulwa indlala nokukhuthaza uPhuhliso kumazwe anoqoqosho olusakhasayo ingakumbi e Africa.

Ilizwe laseChina kunye ne Brazil, Umzantsi Africa kunye Ne African Union amemelele ukumiselwa kwentlangano yamazwe ngamazwe eyekujongana nophuhliso kwezotechnoloji nobugcisa.

Leave a Reply

Your email address will not be published. Required fields are marked *